Umgca Wokuma
Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela.
Injongo: Ukubonisa apho kufuneka umise khona imoto yakho ngokupheleleyo.
Okufuneka kwenziwe: Yima ngaphambili kwemoto yakho ngasemva kophawu lokuma. Ukuba akukho phawu lokuma, umgca wokuma uya kuba nentsingiselo efanayo nophawu lokuma.
Umgca Wokuvumela
Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela ingakumbi kwiziphambuka.
Injongo: Ukubonisa ukuba kufuneka unike ithuba kubo bonke abanqumla phambi kwakho kule ndawo.
Okufuneka kwenziwe: Vumela nabani na onqumla indlela yakho yokuhamba okanye ofuna ukunqumla indlela yakho. Nokuba akukho phawu lokuvumela, kusafuneka uvumele.
Imigca Yesiwelo Sabahambi Ngeenyawo Nesiwelo Esiziibhloko
Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela ingakumbi ezidolophini kwiziphambuka nakufuphi nezikolo.
Injongo: Ukukwazisa ukuba ithuba kufuneka linikwe abahambi ngeenyawo abanqumlayo okanye abafuna ukunqumla indlela kwezi ndawo.
Okufuneka kwenziwe: Jonga nabaphi na abahambi ngeenyawo abanqumlayo okanye abafuna ukunqumla indlela uze ubanike ithuba ngokucotha okanye ngokuma.
Akugqithwa
Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela ethwala itrafikhi yamacala amabini (itrafikhi evela kumacala achasayo).
Injongo: Ukwazisa ukuba kwalelwe ukuqhuba nayiphi na inxalenye yemoto yakho ngasekunene kwalo mgca.
Okufuneka kwenziwe: Musa ukunqumla umgca, ngaphandle kokufumana ukungena ngqo kwingeno elingaphesheya komgca, ukufumana ukungena ngqo ukusuka kuloo ngeno uye endleleni okanye ukugqitha isithintelo esimileyo. Kuzo zonke ezi meko kufuneka uqinisekise ukuba kukhuselekile ukwenza njalo.
Pass